Wathint’ umfazi wathint’ imbokodo

Ungumfazi,
Uyiyo Intswakazi,
Uyiyo Inkosazana,
Uyiyo Intyatyambo engaboniyo
Unowasetyhini wena

Bakhe Baprofetha abanye omama ngenye imini,
Bathi, Wathin’ umfazi, wayithint’ imbokodo
Nkosi yam babengazi okokuba ngaphaya kwaleyonto, ngaphayana kweso statement, there is a Healing Message.

Imbokodo kaloku yenye into,
Imbokodo ayiba season,
Inyamezela izinto zonke,
Noba itshintsha iseason kodwa yona ayijiki, iyanyamezela.

Futhi ilitye liyahlal endaweni ,
Liyayibamba i position yalo,
Hayi liyayibamba i position, Nguwe ke lowo.

Zazikhona ezinye ii weapons u Somandla awayenokuzithumela ku Davide okokuba ayobulala ngazo u Goliathi,
Kodwa wakhetha ilitye, nakumanye awayemnike wona amahlanu, laba linye elamonzakalisayo.

Kutsho ukuthi wena Mfazi ungumafohloza,
Awunantanga wena,
Awudingi mncedisi wena,
Unguzimele geqe.

Wakha wakhala umntwana ka Hagari entlango,
Isikhalo sakhe sayogqobhozel ku Somandla,
Wasikwa yinfesane, wenza umangaliso entlango ngelitye,
Kwampompoza amanzi.

Ithetha ukuthi loo nto,
U Somandla xa edinga I solution, usebenzisa wena mfazi
Wena ungumavula kuvaliwe,
Awunazi limits wena,
Ufika kusithiwa i situation I beyond repairs kodwa uthi ANGEKE,
Ngoba uyazazi okokuba uhamba ne Ngadlangadla.

Amazulu xa ejonge wena anethemba,
Aba nemingcili ngoba ayayazi okokuba umsebeni wabo uyahamba,
Xa kukho wena.
Sukuvumela abantu basemhlabeni bakudlakaze,
Bakungcungcuthekise,
Badlale ngawe,
Zazi okokuba wawudalwe ngenjongo,
Futhi u Somandla xa ekubona usenethemba kunanamhlanje.

Iinyembezi eziphuma emehlweni akho zimvisa kabuhlungu u Somandla,
Ngokuba kaloku iinyembezi azidale kuloo mehlo zezokuba ukhalele umsebenzi wakhe.
Awudalelwanga okokuba ungcungcuthekiswe ngabantu basemhlabeni,
Kodwa wawudalelwe ukuba ufezekise umsebenzi ka Somandla,

U strong wena,
Wena ungumoyisi wena,
Awunantanga.
Kulenyanga yamanina ndifuna nibambe loo mazwi, nikhumbule ukuba,
Anizamkeli ii negatives, kodwa namkela ii positives zodwa.

Nimamela ilizwi lika Somandla,
Nihamba ngomngca wezulu,
Nihlale emthandazweni
Nililela umsebenzi ka Somandla.

Ninganyamezeli impatho engekho ntle kuni nabantwana benu,
Ngobu Somandla unemphatho entle Yena.
Ningahlali nibulawa, nibethwa, ningcungcuthekiswa,
Phumani ngobu Somandla Kuye nisene venue, nje ningena venue kubantu basemhlabeni.

Mama sukugcinga njengokuba ungaphangeli awunokuphuma kuloo mtshato ukungcungcuthekise iminyaka yonke,
Sukuhlala ude ulinde ukuphuma ngebhokisi,
Wena udalelwe okokuba ube yintsimbi edla ezinye
Udalelwe okokuba ube ngumafohloza
Sukuba negxhala lokuba uyakuphinda uwakhe njani omnye umzi.

Hlala edolweni ubone umvuzo wokudlala edolweni,
U somandla angakuthatha akubeke ezindaweni, ulibale okokuba wakhe wakule meko ukuyo,
Sukunyamezela,
Hlala ku Somandla, ahlale kuwe,

Happy nyanga bamanina!

Menu